


 ,J1,IIl kusikrotyana kaElisha Gadeni ubangelwe kukutofwa. llnjongo ibikukumtofela ipoliyo. Ngaba ukho onokusichazela Jsiphoso ngale naliti aofwa ngayo?
A fntlekele izala enye intlekele: UElisha Gadeni phezu kokuba ephuma ubofu kwisilonda esikusikrotyana, ngoku unechicken
pox.


BONA XHOSA - September 1997 19

kwexhoba esilifumene esibhecllele.
UElisha ebekwimeko engaginyis mathe. Kwakuvuleke umngxuma ubanzi kangangomnwe womntu omdala. Eli nxeba liye lacocwa, kodwa sithe sakumkhulula ibande kwiofisi yemeyitroni, kwavakal ivumba elinganyamezeleki!
lmeyitroni engazixelanga igama ixelele IBONA ukuba uElisha uthe akufika eNgcolosi Nospital labe elo qhuma seiibhidlikile, unokubona nje ithambo.
Okubona apha kungcono kunento ebeyiyo.
UElisha noko usindile kodwa ke ngoku
uneChicken Pox, utshilo.
Obepheleka iqela IeBQNA ibingumhleli uDaizer Mqhaba ozenze umalume kaElisha. lndlela abuze ngayo uMnu Mqhaba ikrokrise abongikazi, abakhawuleze bazikhusela. Bathe:
abalazi igama lomongikazi okanye abongikazi ababetofa; bebengalazi kwaneqela eliye layokutofa abantwana kwesi sikolo; bathe abo bantu abasebenzi eNgcolosi Hospital, bona (njengabasebenzi) banyange nje abantwana abaziswe kubo.
Ayiphume-Ielanga imizamo yokufumana iMEC yaseMpuma Koloni uGqr Trudie Thomas ukuba aphefumle ngalo mba xa besiyokushicilela ukanti nenqununu yaseResidence Primary School asiyibhaqanga kuba izikolo bezivaliwe, kuziholide zobusika.
Phofu ke, ititshala yaseResidence nengafunanga ukuzixela iqinisekise ukuba abongikazi abenze oku baphuma kwisibhedlele iNgcolosi, nabafundi abaye baguliswa sesi sitofu basiwe sisikolo eNgcolosi Hospital
ukuze bafumane unyango olungxa-misekileyo.
IBONA iza
kuphanda ngalo
mba de kuvele inyaniso. 


















UNomphiwe StemeL usibonisa inxeba elibuphola. lngcali ecelwe iqikelele imbangi yalo ithe lingangenxeba lokudutyulwa.











Amaqabane amadala esahlukana - njengoko ubona ebusweni kuGqr Buitendag akumnandi. Onika uGqr Buftendag incwadi equlunqwe ngokukhetheklleyo iAP BOOK nguMnu Schalk van der Merwe ongumphathi nokwangusihlalo kwaAepublican Press nakwaANA. Bobabini basebenze ndawonye malunga nama-30 eminyaka.
UNonhlanh!a Mtakati nendoda yakhe uMike Mtakati (umhleli wemagazini !NEXT), uAngela Waller Paton (uMhle!i weVOUR FAMILV), umh!ell weBONA uDaizer Mqhaba nenkosikazi yakhe uFuneka.



NGALE NGOKUHLWA BATHI
N DLELA-NTLE KUSIHLALO WEBONA
uGqr J.M. Buitendag, usihla!o oyinqununu kwaPerskor, usandul ukudla umhlalaphantsi emva kweminyaka ephethe inkampan! eshicilela IBONA nezinye iimagazini. Xa ebenguSihlalo le nkampani yakwaPerskor ibigqwesa kushicllelo nasekungeniseni
ima!i, Xa bekusithiwa ndlela-ntle kuye kwihotele iRoyal eThekwini bekukho iminci!i nentlungu. Umfoti ozuze imbasa uRAJESH JANTILAL ebelapho ukuze afote yonk
into.


l	Njengenjuze yokwenyani unkcunkce kakuhle. Njengejon! lokwenyan!, uwulwlle umlo. Hayi ke ngoku, kwanele phum!a, uDa,zer Mqhaba onguMhleii omKhu!u kw1BONA utshllo kuGqr Buitendag kwintetho yakhe yokuthi ndlela-ntle.






24 BONA XHOSA - September 1997


U
 MILES DIBAKOANE (47) utixhalabele ixesha. Uyaqonda
ukuba ixesha lifana nemali, unenkoleto yokuba mzuzu
ngamnye ochithiweyo ufana nokulahlekelwa yimati. Kungako ishishini lakhe elikhulu lotywala elikubhazabhaza iVulindlela lriclustrial Heights eMtata lisebenza iiyure ezingama-24 ngemini.
Yonk into iqala ngomnqweno, utshilo encumile. Nawuphi na umnqweno othembisayo xa ufezwa kufuneka ube neziphumo ezihle - ndenjenjalo mna! Izinto ezintle azifiki kwabalindayo koclwa zenzeka kwabazifezekisayo.
La ngamazwi obulumko athethwe lityendyana elisisilumko elaqata Iasebenza kwindawo ebhaka izonka, Iemka apho tayokuqhuba kwindawo esila utywala, Ianyuselwa tangummeli wale nkampani yotywala ngoku lingusomashishini obalaseleyo. Konke kwenzeke kuma-27 eminyaka!
lzinto ziqalise ukunik umdla kum xa ndalishiya ikapa ndeza eTranskei ngo-1 984 ndingummeli kwezentengiso zakwaSouth African Breweries. UThembisa endandithandana naye ngoko wayesebenza kwaGilbeys.
Ndaqonda ukuba mna naye zininzi izinto esifana ngazo -wayenqwenela ukuba neshishini, wayekwazi ukumelana

UMlles uqale wathengisa utywa!a ngokungemthetho phambi kokuba abe sisinhanha. Ngoku uneshishini lotywala eliye lichuma.
v






Kwidesika yabo eseofisini, abakwaDibakoane banefoto kaMaNgconde umthandazel!. Wayiphilisa ngokumangalisayo inkosikazi yam kwisffo endingenakusichaza, utshllo uMi!es.



nobunzima nokusebenza kwiimeko ezingentte. Unamandla
ekwazi nokuqhuba itori.
UMiles noThembisa batshate ngo-1988, ngoku
banabantwana abane.
Ngokokutsho kukaMiles, nguThembisa owafezekisa
iminqweno yabo yeshishini ngokuyeka ukuphangela kwaGilbeys
abe neshishini kwidolophu yakowabo.
UThembisa akazange alinde, wazibhokoxa kwishishini. Ngaphambi koku sobabini sasithengisa utywala singenalayisensi. UThembisa wayelayisha ilori yakhe atshone ngapha nam ndenjenjalo. Uzameka Gqamane wayesithengisela utywata eDutywa. Oku sakwenza iminyaka emi-3 1/2 de saqesha ilayisensi kumhlobo.
Xa ndandisebenza njengommeli wenkampani ndabhaqa ivenkite ethengisa utywala eCoffee Bay neyayibukeka itshona kodwa noko ayekho amathemba. Ndayiqesha kumniniyo okweminyaka emihlanu ndaza emva koko ndayithatha.
Kwenzeka ngokweminqweno yam, ishishini tachuma. Ndathenga ilori yam yokuqala kusomashishini uArchie Nkonyeni. Ndafumana ivenkile kwiTranskei Development corporation (TDC) apho ndakwazi ukurhweba ama-24 eeyure ngemini!
Ngathi oku kwakunganele, uMites uthenge isiza
esasisetyenziswa ngabakwaGilbeys. Iofisi awayefuduta
esebenza kuyo uThembisa ngoku ikufutshane neyalo mfo.
Esi sibini senze inkqubeta encumisayo. Sineevenkile zotywala ezimbini - enye iseMtata ukanti enye isekapa. SineBangkok Factory Fashion Clothing Boutique eMtata, indawo yokubhaka izonka Engcobo nesilarha eVulindlela apho abathengi bakhe banokukhululeka boje.
Akubuzwa ngempumelelo yakhe uMiles uthetha
ngentsebenziswano entle, imvano nenkosikazi yakhe
nabasebenzi, ubuhlobo nomntu ngamnye kumawakawaka






BONA XHOSA - September 1 997 25

Bekusemva kwe-12 ezinzulwini zobusuku xa sifote uMlles eqhuba iforklift ngoxa inkosikazi yakhe
	ikhonza abathengi abaninz,	y



Usomashishini
waseMtata uttlILES DIBAKOANE
uyathandwa -ingakumbi ngabathandi botywala, abathandi bamatheko nolutsha. Uqale ukusebenza eKapa kwaLanga kwindawo ebhaka izonka wanyuka de wangoyena somashishini uselula kweli. Kubalisa
uFELIX MGUDLWA. Kufote uPONKO MASIBA.






Usomshshn
Obalaseleyo eTranske
athenga kuye.
Ndiyamhoya umntu ngamnye ondixumayo. Ngamnye kubo ndiyamonwabisa, kungako bendixuma. Abantu ndiyabathanda, nabantu bayandithanda. Apha ndiyancokola nabo, bayakuthanda oku. Ubungekh uthi kusezinzulwini zobusuku!
Xa bethenga abanasikrokro, bafumana inkonzo entle, le yimfihlo yempumelelo yam, utshito uMites. Utyibele wathi, Umphathi webhanki yam uyandiqonda futhi uyaphulaphula!
Xa besidtan indlebe noMiles noThembisa bebeququzelela umhla wokuzalwa wama-21 wentombi yabo uCaroline. Uqhutywe kwangale mini kwiNightclub kaMiles eVulindlela. Bekungeyondteko, nolutsha oluthanda ulonwabo oluvela ekapa luye lonwaba de kwaphum ikhwezi. 


L.o mfanekiso ukuchaza konke. Abaza!i abaneqhayiya uMiles noThembisa bevuy!sana nentombi yabo uCaroline xa efika kuma-21 eminyaka.
